The Pamphlet Collection of Sir Robert Stout: Volume 41
Kafir (Optional Subject)
Kafir (Optional Subject).
Translate into English (A):
- I. Kehaloku ngelinye ilixa abehamba ngalo endhle, etete neneewadi yake, ngesiko lake, ndambona ebandezelekile, kakulu emxhelweni; ute nxa ebefunda watyandyuluka ngcsililo kwanjengoko kwangapambili csiti—" Yo? Ndiyakusuka ndenzentonina ukuze ndisindiswe?" Ndabona kanjako ebhekabheka, ngati unxamele ukubaleka; wema kodwake noko, ngokuba ekuqondeni kwam, kube kumkohlite ukuba angasinga ngapina. Ndondhelake ndabona umfo okutiwa ngumshumaycli, esiza kuye;—ufike wabuza wati—"Ulila nganina?" Ute ukupendula. Mnumzetu, ngayo lencwadi ndiyipete ngesandhla, page 37 ndiyaqonda ukuba, ndimiselwe ukufa, ukuze emveni koko ndiye ekugwetyweni; ndiyevake ukuba kum ayiko imvume, yokuyivuma indawo yokuqala—amandhala kanjako akako okuyenza eyesibini. Ute u-Mshumayeli; Kunganina ukuba ungavumi ukufa kantinje obubomi bupahhva zizinto ezininzi kangaka ezimbi? Ite ukupendula indoda leyo, Kungokuba ndiyoyika ukuba lomtwalo usemhlana, uyakunditshonisa kubunzulu obunzulu ngapezu kobenewaba, ndize ndiye kweyela e-Tofeti, kantike Nkosi ukuba andilungilc ukuya entolongweni, andilungile nokuya nasekugwctyweni ndize ndiahlule apo ndiye ekubulaweni; Ingcingane yezizintoke ibanga ukuba ndilile.
- Uteke u-Mshumayeli, umeleninake ukuba bunje ubeme okubo? Ipcndulc yati kungokuba—andazi apo ndingasinga kona. Umnikeke umpeto wolusu lwegusha (we-parchment) kwakubalwe kuwo ngapakati lamazwi, "Balekani umsindo ozayo."
- Iwufundileke indoda leyo, yaza imondele ukumkangela u-Mshumayeli yati, ndiyakubalekela pina? Uteke u-Mshumayeli esalata ngapaya kwentili ebanzi, wati uyalibonana ela-Sangwana? Ite indoda leyo Hayi. Uteke omnye lowo, uyalibonana ela-Bhaso likanyayo? Ite ngati ndiyalibona. Uteke u-Mshumayeli yondela kwela baso, uti ngqo unyuke uye kulo, wosewulibonake i-Sango; owoti wakun-gongoza kulo uyixelelwe into owenza yona.
Translate into English and parse the part printed in italics:
- (B) Kuhle ntonina akuha lomfana ekudlile konke ahenako? Qata indlala, ingeyakudelwa nalondlala kuba kutivva apa yayindlala enzima; elalizwe abeye kulo lomfana libelisiti kakade libe namaxesha endlala eshushu etshutshisayo. Ipangclelene lendlala ke nokupela kwempahla yake, kuhle izinto ezimbi ngaxesha nye, zabonakala ngamini nye izinto abengazanga azibone. Amashwa kakade yinto eyenza isipango ukufika kwayo; kupclc impahla yake, kwapela ukudla nasebantwini abesazana nabo. Nakuba ibiko kakade lendlala kvvelilizwe cbcngekayiqondi yena, ibimpahlile ngenxa zonke engayiboni yena kuba ebese nenkomo. Babeqa'uka abantungamacala onke engenalufifi yena lokuba babulawa yindlala, ebese nezinto yena ezigxotayo kuye inxwaleko enjalo, ebesanele yilemfuyo yake, isamq'uba. Elibele nje yena yilemihlali yake akaboni ukuba ucotelwa lilishwa. Engazanga nje ayibone indlala ebengacingi ukuba iselikufupi naye. Ke nomoni emhlabeni apa angake azilibazise ngezinto zake azenzayo, ngezinto zake azitandayo, angake ati lemihla adlobayo, Hai ukuba mhandi kwelilizwe kufumane kutetwa xa kutiwa u-Tixo uko, nokufa kuyasizuma, nesihogo yinto ikoyo, buxoki babafundisi obo, buhilihili bamagqoboka oko, angake ati okwencne umntu ongamkonziyo u-Tixo sifumane sinunuselwa xa kutiwa guqukani natshabalala, buyani neyela emngcipekweni ongonapakade. Nnobeteta czonto lomfana kumakolwane ake okuya ebesabluta, esanxila, esarexeza, nambla yakupela impahla akuba ennasakuboni ukudla, uqale wabona akuba indlala yinto ikoyo na emblabeni.
Translate into Kafir: